2 Kings 18:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndide ndize ndinise elizweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lenqolowa neveyine, ilizwe lesonka nemiyezo yemiti yeveyine, ilizwe leoli yamanquma nobusi; ukuba nidle ubomi, ningafi nokufa: nize ningapulapuli ku‐Hezekiya, nxa anihendayo, esiti: Uyehova wosisindisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe lomnquma oneoli, elinobusi, nidle ubomi, ningafi. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba uyaninyanga xa athi, UYehova uya kunihlangula.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ndide ndize ndinise kwilizwe elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa nelewayini, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe leoli lomnquma nobusi, ukuze niphile, ningafi; Akanicenga uHezekiya ngokuthi, uYehova uya kusisindisa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ndide ndize kunithatha, ndinise kwilizwe elifana neli lenu, umhlaba onemveliso yeenkozo newayini, ilizwe lengqolowa nediliya, ilizwe elinemithi yeminquma kunye nobusi. Zikhetheleni ubomi ke, ningakhethi ukufa.’ “Sanukulahlekiswa nguHezekiya, kuba uyanilahlekisa xa esithi: ‘UNdikhoyo uza kusihlangula.’