2 Kings 18:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watembela kuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli; kwaye kungeko emva kwake onjengaye pakati kwabo bonke okumkani bo‐Juda, na pakati kwabo abebeko pambili kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli; emveni kwakhe akubangakho unjengaye phakathi kookumkani bonke bakwaYuda, naphakathi kwabo babekho ngaphambi kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli; kangangokuba emva kwakhe akuzange kubekho unjengaye kubo bonke ookumkani bakwaYuda nakubo bonke abo babengaphambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHezekiya yena wakholosa ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Kubo bonke ookumkani bakwaJuda akuzange kubekho ofana naye, ngaphambili nangasemva kwakhe.