2 Kings 19:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Watandaza u‐Hezekiya ebusweni bukayehova, wati: Yehova, Tixo wo‐Sirayeli, ohleli pakati kwazo ikerubime! unguwe wedwa o ngutixo wabo bonke ubukumkani bomhlaba; wenzile wena izulu nomhlaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, uhleli wena phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo kaSirayeli, uhleli phezu kweekerubhi, unguye wena wedwa uthixo kwizikumkani zonke zehlabathi; Wenza izulu nehlabathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena wawadala amazulu kwanehlabathi.