2 Kings 19:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, Yehova, Tixo wetu! zusisindise esandleni sake, ukuze bonke ubukumkani bomhlaba bazi ukuba wena u nguyehova, utixo, wena wedwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, Yehova Thixo wethu, sihlangule esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena umnye, Yehova Thixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa, Ndikhoyo, onguThixo.”