2 Kings 19:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watuma u‐Eliyakime, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, nabadala bakubaperisite, begujungelwe ngentlakantlaka, ukuya ku‐Yisaya umprofite, unyana ka‐Amotse.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, ezigubungele ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotse.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko wathumela uEliyakim owayephethe indlu, uShebhena unobhala namadoda amakhulu ababingeleli benxibe amarhonya kuIsaya umprofeti unyana ka-Amotsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya unyana ka-Amozi.