2 Kings 19:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngazo izigidimi zako uyitukile inkosi, wati: Ngobuninzi benqwelo zam ndiqolile indawo ezipezulu zentaba, amatambeka e‐Lebanone; sendiya kugaula isedare zayo ezinde, nemiberoshe yayo edlulisileyo; ndofikela eyokupela indawo yayo yokulalisa, ihlati layo elicumileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabathunywa bakho uyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare yayo emide kakhulu, nemisipres yayo enyuliweyo, ndifike kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamngcikiva uYehova ngezithunywa zakho, usithi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele encotsheni yeentaba, encamini yeLebhanon, ndayigawula imisedare yayo emide kakhulu, nemisipres yayo; Ndiya kungena ezindlwini zelizwe lakhe, nakwihlathi leKarmele yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena uthumele izigidimi, uNdikhoyo wamfumba ngezithuko; kaloku ugcolode wathi: “Mna ndinenyambalala yeenqwelo; ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo, loo malenga-lenga aseLebhanon. Ndiyigawule imisedare yayo emide naloo mipayini yayo ingayiwayo. De ndafikelela nasekudeni, nditsho esitsikolweni sehlathi.