2 Kings 19:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako abemi bazo bebenamandla amancinane; babete qege, badana nokudana; babe njeng enca yasendle, na njeng otyani obuluhlaza, njeng esikota pezu kwezindlu, na njeng emkungekadutyulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abemi bayo banqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngeso sizathu, abemi bayo babembalwa, boyiswa baza bahlaziswa; baba yingca yasendle, nengca, nengca phezu kwendlu, nanjengengqolowa ephetshethwayo, ingekantshuli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abemi bazo baphelelwe ngamandla; bathe nkamalala, basezintlonini. Nqwa nomfino emasimini phaya ngathi zizithombo ezithukuzayo, ngathi yingc' entshula phezu kwendlu, esuk' itshe ingakhulanga nokukhula.