2 Kings 19:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungaba uyehova, utixo wako, uya kuva onke amazwi ka‐Rabeshake, otunyiweyo ngukumkani we‐Asiriya, inkosi yake, ukuza kutuka utixo opilileyo, amohlwayele amazwi awavileyo uyehova, utixo wako; ngako pakamisa umtandazo ngenxa yesisalela esikoyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva onke amazwi kaRabheshake, othunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho. Nyusa ke umthandazo ngenxa yamaqongqolo asekhoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva onke amazwi kaRabheshake, othunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; wowakhalimela ke amazwi uYehova uThixo wakho, awavileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leya ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe *uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”