2 Kings 2:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati: Ucelile into enqabileyo: noko, ukuba uyandibona ndakususwa kuwe, kwoba njalo kuwe; kodwa ukuba aku ndiboni, akuyi kuba njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ucele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ucele into enzima; kodwa ukuba undibonile ndisusiwe kuwe, koba njalo nakuwe; ukuba akunjalo, akuyi kuba njalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya wathi: “Ùcele into enzima, kambe ke ukuba undibonile xa ndahlukaniswa nawe, woyifumana; kungenjalo ke akunakuyifumana loo nto.”