2 Kings 2:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watabata ingubo ka‐Elija ebiwile kuye, wawabeta amanzi, wati: Upina uyehova, utixo ka‐Elija? Kwa yena akuwabeta amanzi, ahluka wona nalapa napaya; wada wawela u‐Elisha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha;wawela uElisha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Uphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? wawabetha amanzi, ahlukana, wawela uElisha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawuthatha loo mnweba wawuwe kuEliya, wabetha ngawo amanzi, wathi: “Uphi ngoku uNdikhoyo uThixo kaEliya, yena kanye?” Uthe ke akuwabetha amanzi lawo, suka ahlukana kubini, asinga kweli cala nakweliya, waza ke wawela.