2 Kings 2:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku onyana babaprofite abebese‐Jeriko bakumbona bekude, bati: Umoya ka‐Elija uyapumla pezu kwo‐Elisha. Bandula beza ukumkaulela, bazitoba kuye ngasemhlabeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Bamhlangabeza baza baqubuda kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku bakumbona abashumayeli ababengaphesheya ngaseJeriko bathi: “Tyhini, nanko umoya kaEliya uhlala kuElisha.” Bamhlangabeza ke, baza bafika bakhahlela baguqa phambi kwakhe.