2 Kings 2:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besiti kuye: Bona ke, kuko nezicaka zako amashumi mahlanu amadoda akalipileyo; makaye ke, afune inkosi yako; hleze kube kukuba umoya kayehova umfunqulile, wamkahlela pezu kwenye yentaba, umhlaumbi kwesinye sezihlambo. Wayesiti: Aniyi kutuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi kuye, Yabona, kukho amashumi amahlanu amadoda anobukroti nabakhonzi bakho; Mabahambe baye kufuna ukumkani wakho, hleze uMoya kaYehova ungamfukuli, umjulele kwenye intaba, nokuba kwenye intili. Wathi, Musani ukuthumela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi kuye: “Uyabona, thina zicaka zakho sinamashumi amahlanu amadoda angabikwa hlaba. Makahambe aye kukhangela inkosi yakho, hleze kuthi kanti uMoya kaNdikhoyo lo uyithathe wayibeka ntabeni ithile, okanye ke ntilini ithile.” UElisha wathi: “Hayi, musani ukuwathuma.”