2 Kings 2:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wapumela etendeni lamanzi, wayiposela kona ityuwa, wati: Utsho uyehova ukuti: Ndiwapilisile amanzi la; akuyi kubuya kuvele kona ukufa nokuputa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi;akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma, waya emthonjeni wamanzi, wagalela ityuwa kuwo, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaqinise la manzi; akusayi kuba sabakho kufa naluqweqwe lwazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wasithatha, waya naso emthonjeni, wafika waphosa ityuwa leyo kuwo, esithi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Ndiwanyangile la manzi. Soze aphinde abe nakufa, engasoze aphinde ayidodobalise nemveliso yomhlaba.’ ”