2 Kings 2:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wenyuka kona ukuya e‐Betele. Kekaloku nxa abenyuka ngendlela, kwapuma esixekweni abafana abancinane, abahlekisa ngaye, bati kuye: Nyuka, qaindini! nyuka, qaindini!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini!Nyuka, nkqayindini!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka khona, waya eBheteli; kwathi esasendleleni, kwathi gqi abantwana baloo mzi, bahlekisa ngaye, bathi kuye, nkqayindini, nyuka! nyuka, ntloko inenkqayi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukusuka apho ke uElisha waya eBhetele. Ke kaloku wathi esahamba apho endleleni, kwavela makhwenkwe athile apho esixekweni, aza aphoxisa ngaye esithi: “Nyuka, mpandlandini! Nyuka, mpandlandini!”