2 Kings 2:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabeka ngomva, wabakangela, wabaqalekisa egameni likayehova. Kwandul’ ukupuma ibere zimbini ehlatini, zaqwenga kubo abantwana abangamashumi mane anababini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mane anababini kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wajika, wabakhangela, wawaqalekisa egameni likaYehova. Kwavela iimazi zamabhere ezimbini ehlathini, zazala amashumi amane anambini amathole.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena wajika, wawajonga, waza wawashwabulela egameni likaNdikhoyo. Ke kaloku kwavela iimazi ezimbini zamabhere kuloo mahlathi, zaza zawaqwenga amashumi amane anambini kuloo makhwenkwe.