2 Kings 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula basondela onyana babaprofite abebese‐Jeriko ku‐Elisha, bati kuye: Uyakwazi na ukuba uyehova uya kususa inkosi yako namhla entlokweni yako? Wayesiti: Ewe, ndiyakwazi; yitini cwaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beza oonyana babaprofeti ababeseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuba namhla uyayisusa uYehova inkosi yakho entlokweni yakho? Wathi, Ndiyayazi loo nto; yithini cwaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beza oonyana babaprofeti baseYeriko kuElisha, bathi kuye, Uyazi na kodwa ukuthi, yini na ukuba namhla uYehova ayisuse inkosi yakho entlokweni yakho? Waphendula ke yena wathi, Ewe, ndiyazi; thula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke abashumayeli ababelapho eJeriko baya kuElisha, bathi kuye: “Uyaqonda nje ukuba uNdikhoyo uza kuyithatha le nkosi yakho namhlanje?” UElisha wathi: “Ewe, ndiyazi; kodwa ke musani ukuyiphatha loo ndawo!”