2 Kings 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Elija kuye: Kauhlale apa; ngokuba uyehova enditumile ukuya e‐Yoredane. Kodwa wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Basuka bahamba bobabini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uEliya kuye, Khawuhlale apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi, Ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba ke bobabini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uEliya kuye, Hlala apha; ngokuba uYehova undithume eYordan. Wathi yena, NgoYehova ovayo, nangomphefumlo wakho ophilileyo, andiyi kwahlukana nawe. Bahamba bobabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UEliya ke wathi kuElisha: “Hlala apha, mna uNdikhoyo undithume eJordan.” Ke yena wathi: “Ngenene, ngenene, ekho nje uNdikhoyo, nawe ukho nje, andiyi kwahlukana nawe!” Ngoko ke bahamba bobabini.