2 Kings 2:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwabekute, bakuba bewelile, wandula wati u‐Elija ku‐Elisha: Cela into endiya kukwenzela yona, ndingekasuswa kuwe. Wayesiti u‐Elisha: Makekubeko isabiwo esipindiweyo somoya wako pezu kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa bawelileyo, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ndingekasuswa kuwe. Wathi uElisha, Mandizuze izahlulo ezibini zomoya wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Badlula, wathi uEliya kuElisha, Cela into, ndikwenzele, ingekasuswa kuwe. Wathi uElisa, Zahlulo ezibini zomphefumlo wakho zibe phezu kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Besakuba bewelile ke, uEliya ubuze kuElisha wathi: “Khawutsho, yintoni ofuna ndikwenzele yona phambi kokuba ndahlukaniswe nawe?” UElisha waphendula wathi: “Mandizuze isabelo esiphindiweyo somoya wakho, sibe lilifa lam.”