2 Kings 20:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Hezekiya: Kuyinto elula yokuba isitunzi sihle izinyuko ezilishumi; hai, kambe, masibuye isitunzi ngomva izinyuko ezilishumi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, isithunzi masibuye umva izinyuko ezilishumi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uHezekiya, Kulula kwisithunzi ukoluka izinyuko ezilishumi; hayi, kodwa isidima sibuyele umva izidanga ezilishumi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHezekiya wathi: “Yinto engenamsebenzi ukuba isithunzi siye phambili ishumi leenyawo. Hayi, kanye masibuye umva ishumi leenyawo.”