2 Kings 20:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandiya kwongeza emihleni yako iminyaka ilishumi linesihlanu; ndiya kusindisa wena, nesixeko esi, esandleni sokumkani we‐Asiriya; ewe ndosikusela esisixeko ngenxa yokwam, nangenxa ka‐Davide isicaka sam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndongeze kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka;ndikuhlangule wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuyandisa imihla yakho ngeminyaka elishumi elinesihlanu; Ndiya kukuhlangula wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya; ndiwukhusele lo mzi ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela ngenxa yesidima segama lam nangenxa yesicaka sam uDavide.’ ”