2 Kings 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Yisaya: Tabatani isimba lamakiwane. Baza balitabata, balibeka pezu kwetumba, wapila ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uIsaya, Thabathani isicumba samakhiwane; basithabatha ke, babeka ethumbeni, waphila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIsaya, Thabathani isipha samakhiwane; Bamthabatha, bambeka emkhosini, waphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.