2 Kings 20:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Yisaya: Oku kwoba ngumqondiso kuwe uvela kuyehova, wokuba uyehova uya kwenza lento ayitetileyo: Isitunzi siya kuhamba izinyuko ezilishumi, siya kubuya izinyuko ezilishumi, kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uIsaya, Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, wokuba uya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi sihambe na izinyuko ezilishumi, sibuye na izinyuko ezilishumi?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uIsaya, Kukho umqondiso ophuma kuYehova, wokuba uya kulenza uYehova ilizwi alithethileyo: Isithunzi sihambe na izinyuko ezilishumi, sibuye na izinyuko ezilishumi?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UIsaya wathi: “Nanku ke umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe. Ùthi isithunzi masiye phambili ishumi leenyawo okanye sibuye umva ishumi leenyawo?”