2 Kings 21:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EBEYIMINYAKA ilishumi linesibini u‐Manase ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mahlanu anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hefetsiba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UManase ubeminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHefetsibha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uManase ubeminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHefezibha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu. Unina yayinguHefezibha.