2 Kings 21:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ndiya kwolula pezu kwe‐Yerusaleme intambo ye‐Samariya, nesilinganiso sendlu ka‐Ahabi; ndandiya kusula i‐Yerusaleme njengokuba umntu esula isikotile; o sisulayo, andul’ ukusipetula pezu kwobuso baso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndololula phezu kweYerusalem ulutya lokulinganisa lwakwaSamari, nelothe yokulinganisa yendlu ka-Ahabhi, ndiyisule iYerusalem njengosula isitya, asisule, asisibeke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndoyolula ulutya lokulinganisa lwakwaSamari phezu kweYerusalem, nolutya lwendlu ka-Ahabhi; yaye ndiya kuyisula iYerusalem njengokuba umntu esula isitya, asisule aze asiqhekeze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apha phezu kweJerusalem ndiza kuthoba isohlwayo esifana neso ndayohlwaya ngaso iSamariya kunye nendlu ka-Ahabhi. IJerusalem ndoyitshabalalisa ndiyibhukuqe oku komntu osula isitya aze asiphethule.