2 Kings 21:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ndiya kulahla abaseleyo belifa lam, ndibanikele esandleni sentshaba zabo; boba yinto yokupangwa neyokutinjwa kuzo zonke intshaba zabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndowashiya amasalela elifa lam, ndiwanikele esandleni seentshaba zawo; yaye baya kuba lixhoba nexhoba kuzo zonke iintshaba zabo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndosuka ndiwabukule amasalela alilifa lam; ewe, ndowanikezela ezandleni zeentshaba zawo. Aya kuxhatshazwa abhunculwe ziintshaba zawo.