2 Kings 21:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako igazi elingenatyala walipalaza u‐Manase ngento eninzi kakulu, wada wazalisa i‐Yerusaleme kwa kwenye incam kude kwakwenye; ngapandle kwesono sake owabenza o‐Juda bone ngaso, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo igazi elimsulwa uliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, uManase waliphalaza igazi elininzi elimsulwa kangangokuba wayizalisa iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; ngaphandle nje kwesono sakhe awasizisa kuYuda ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphezu koko ke uManase waliphalaza gqitha igazi elingenatyala, eqalela kweli cala, athi xhaxhe kweliya icala leJerusalem; nangaphandle kwesono awalukuhlela amaJuda kuso ukuze enze okubi emehlweni kaNdikhoyo.