2 Kings 21:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesibini u‐Amoni ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yamibini e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Meshulemete, intombi ka‐Harutse, owase‐Yoteba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMesulemet, intombi kaHarosi, waseYotebha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uAmon wayeneminyaka emashumi mabini anambini ezelwe ukuqala kwakhe ukulawula, waza ke walawula iminyaka emibini eJerusalem. Unina yayinguMeshulemete intombi kaHaruze eYotebha.