2 Kings 21:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba wabuya wazaka indawo ezipakamileyo, ezo u‐Hezekiya uyise wake ubezitshabalalisile; wamisela u‐Bali izibingelo, wenza umfanekiso ka‐Ashera, njengokuba ebenje njalo u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, wazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, wawukonza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya wazakha iziganga, awayezidilizile uHezekiya uyise, wammisela uBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, njengoko wenzayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, waqubuda kumkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba waphinda wazakha iindawo eziphakamileyo ezo uHezekiya uyise wazitshabalalisayo; Wamakhela uBhahali izibingelelo, wenza neAshtaroti, njengoko wenzayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli; yaqubuda yonke imikhosi yezulu, iyikhonze.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iindawo zonqulo eziphakamileyo awazitshitshisayo uyise uHezekiya, yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela noBhali amaqonga, wenza nentsika ka-Ashera, kanye ngendlela awayenze ngayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi ezinqula.