2 Kings 21:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wabeka umfanekiso oqingqiweyo ka‐Ashera abewenzile endlwini, owabesiti uyehova ngayo ku‐Davide naku‐Solomone unyana wake: Kulendlu, nakuyo i‐Yerusaleme, endiyinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ndiya kubeka igama lam kude kube ngunapakade:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo ka-Ashera abewenzile, endlwini leyo wayethe ngayo uYehova kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo wetyholo abewenzile, endlwini awayethe uYehova kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, iya kukhetha ulibeke ngonaphakade igama lam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathatha intsika ka-Ashera awayeyikrolile, wayifaka endlwini kaThixo, ukanti ke uNdikhoyo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.