2 Kings 21:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandingayi kupinda ukushukumisa inyawo zo‐Sirayeli emhlabeni, endiwunikileyo koyise babo; kupela ukuba baya kulumkela ukwenza ngako konke endibayaleleyo, nangawo wonke umteto sibe sibayalela wona isicaka sam u‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndingaphindi ndilushukumise unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawunika ooyise; kodwa makabe aya kugcina ukwenza njengako konke endiwawisele umthetho ngako, nanjengokomyalelo wonke awawawiselayo umkhonzi wam uMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andisayi kuphinda ndilushukumise unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawunika ooyise; ngalo lonke ixesha besenza ngenyameko njengako konke endibawisele umthetho ngako, nangokomyalelo wonke, awabawiselayo uMoses umkhonzi wam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, awuthobela wonke umthetho awawunikwa sisicaka sam uMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”