2 Kings 21:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Abapulapula noko: ngokuba u‐Manase wabadungudelisa, bada bakwenza okukohlakeleyo ngapezu kwabaheyideni, abo wabatshabalalisayo uyehova pambi kwalo usapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akaphulaphula ke; wawalukuhla uManase, ukuba enze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa abaphulaphulanga kubo, yaye uManase wabahenda ukuba benze okubi ngakumbi kuneentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa akaphulaphulanga, kuba uManase wawalahlekisa ngangokuba wada wabalasela ekwenzeni ububi kunezo zizwe wazitshabalalisayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.