2 Kings 22:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hambani, niye nibuze kuyehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yo‐Juda bonke, pezu kwamazwi alencwadi ifunyenweyo: ngokuba umkulu umsindo kayehova ovutayo ngakuti, ngokokuba obawo betu bengapulapulanga kuwo amazwi alencwadi, ukwenza ngako konke okuba̔liweyo ngati.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yabantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo;ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova esibaselwe bona, ngenxa enokuba oobawo bengawaphulaphulanga amazwi ale ncwadi, ukuba benze njengako konke kubhaliweyo kuyo ngathi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyani nibuze kuYehova, mna nakubantu, nangenxa yamaYuda onke, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngenxa yokuba umsindo kaYehova ovuthayo nxamnye nathi mkhulu, ngenxa yokuba ookhokho bethu abazange baphulaphule ngokwamazwi ale ncwadi, ukuba enze konke okubhaliweyo ngathi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hambani niye kuqondisisa kuNdikhoyo egameni lam, nelabantu, noJuda ephela, nibuzise ngako konke okubhaliweyo kule ncwadi ifunyenweyo. Awunganganto umsindo kaNdikhoyo ngakuthi ngenxa yoobawo abangazange bawathobele amazwi ale ncwadi. Ewe, abenzanga ngokufanelekileyo mayela namazwi athethwa yile ncwadi ngokubhekiselele kuthi.”