2 Kings 22:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yokuba bendishiyile, nokuba bequmisile kotixo bambi, ukuze bandiqumbise ngako konke ukwenza kwezandla zabo; ngako umsindo wam uya kuvuta ngakuyo lendawo, ungacinywa ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngethuba lokuba bendishiyile mna, baqhumisela thixweni bambi, ukuba bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo, yothi le ndawo ibaselwe ubushushu bam, bungacinywa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba bandinikele umva baza baqhumisa abanye oothixo ngenxa yam, ukuze bandihleke ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo; ke ngoko, umsindo wam uya kuvutha kule ndawo, kwaye awuyi kucinywa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bona bandilahlile, basuka benza iziqhumiso, besenzela thixo bambi, nto leyo iwuxhokonxileyo umsindo wam. Ewe, umsindo wam soze uthothe mayela neli lizwe; kaloku abantu balo basuke baxabisa imifanekiso abayenze ngezandla zabo.