2 Kings 22:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisela le ndawo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, uyabona, ndiya kukusongela ngooyihlo, ubethwe ngoxolo engcwabeni lakho; angayi kububona amehlo enu bonke ububi endibuzisa kule ndawo. Babuya ke bamxelela ukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndiya kukubuyisela kooyihlo, ungcwatywe ngoxolo. Awakho amehlo akasayi kusibona isithwakumbe endiza kusithoba phezu kweli lizwe.’ ” Loo mpendulo ke bâya kuyixelela ukumkani.