2 Kings 22:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngoweshumi linesibozo umnyaka wokumkani u‐Josiya, watuma ukumkani u‐Shafane, unyana ka‐Atsaliya, unyana ka‐Meshulame, umba̔li, ukuya endlwini kayehova, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYosiya, ukumkani wathuma uShafan, unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, esithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka weshumi elinamnye nowesibini wobukumkani bukaYosiya, ukumkani wathumela uShafan unyana ka-Atsaliya, unyana kaMeshulam, umbhali, endlwini kaYehova, ukuba athi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wakhe weshumi elinesibhozo ukumkani uJosiya wathumela unobhala onguShafan unyana ka-Azaliya kaMeshulam endlwini kaNdikhoyo, wathi kuye: