2 Kings 23:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nezibingelo ezibe zipezu kwesifulelwa senkambili yapezulu ka‐Ahazi, ezibe zenziwe ngokumkani bo‐Juda, nezibingelo ezibe zenziwe ngu‐Manase emabaleni omabini endlu kayehova, waziwisa ukumkani, wazicita kwa kona, waluposa utuli lwazo emlanjaneni we‐Kidrone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nezibingelelo ezibe ziphezu kophahla lwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, abazenzayo ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, wazidiliza ukumkani, wazikhanda kwakhona, waluphosa emlanjeni oyiKidron uthuli lwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Izibingelelo ezibe ziphezu kwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, ababelenzile ookumkani bakwaYuda, nezibingelelo awazenzayo uManase ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova, ukumkani wazidiliza, waza waziqhekeza baluphosa uthuli lwabo emlanjaneni oyiKidron.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawadiliza amaqonga awayakhiwe ngookumkani bakwaJuda ngaphezu kwegumbi eliphezulu lika-Ahazi, kunye naloo maqonga wawakhayo uManase kwiinkundla zombini zendlu kaNdikhoyo. Ewe, wawasusa wawadiliza ayimvuthuluka yenkunkuma awayiphosa kwintili yeKedron.