2 Kings 23:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waziqekeza intsika zamatye, wazigaula i‐Ashera, wazalisa indawo zazo ngamatambo abantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waziqhekeza nezimiso zamatye, wabagawula ooAshera, wazizalisa iindawo zazo ngamathambo abantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayiqhekeza imifanekiso eqingqiweyo, wawagawula amatyholo, wazizalisa iindawo zawo ngamathambo abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosiya wazaphula iintsika zamatye, waza wazigawula iintsika zika-Ashera, waza ezo ndawo zazo wazigquma ngamathambo abantu.