2 Kings 23:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako isibingelo esibe sise‐Betele, n endawo epakamileyo ebe yenziwe ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owenzayo o‐Sirayeli bone, kwa nesibingelo eso nendawo epakamileyo leyo wazicita; waza wayitshisa indawo epakamileyo, wayikanda yada yalutuli, wawutshisa nomfanekiso ka‐Ashera.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo isibingelelo esibe siseBheteli, isiganga awasenzayo uYarobheham, unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli, eso sibingelelo neso siganga wasidiliza;wasitshisa isiganga, wasicola saluthuli; wamtshisa uAshera.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, wenza isibingelelo eBheteli nendawo ephakamileyo awayonisa ngayo uYerobhoham unyana kaNebhati koonyana bakaSirayeli, wasidiliza isibingelelo nendawo ephakamileyo waza wayitshisa indawo ephakamileyo waza wayiqhekeza umgubo, walitshisa ityholo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Walidiliza neqonga eliseBhetele, loo ndawo yonqulo yayenziwe nguJerobhowam unyana kaNebhati, lowo walukuhlela amaSirayeli esonweni, konke nje wakutshabalalisa, loo ndawo yonqulo wayitshisa wayisila yaluthuli, ngokunjalo nentsika ka-Ashera wayitshisa.