2 Kings 23:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akubekabeka u‐Josiya, wabona amancw̔aba abekona entabeni apo, watuma ke, wasusa amatambo emancw̔abeni lawo, wawatshisa pezu kwesibingelo, wasinco̔lisa, njengelizwi likayehova elibe lishunyayelwe yindoda katixo, eyashumayelayo ezizinto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabheka uYosiya, wawabona amangcwaba abekhona entabeni, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wasenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, awalimemezayo umfo wakwaThixo, owawamemezayo la mazwi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wajika uYosiya, wawakhangela amangcwaba abesentaba, wathumela, wawathabatha amathambo emangcwabeni lawo, wawatshisela phezu kwesibingelelo, wawenza inqambi ngokwelizwi likaYehova, abelithethile umfo wakwaThixo wayeshumayela, lowo wayethetha la mazwi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJosiya wakhangela ngapha nangapha waza wabona amangcwaba awayelapho kwelo thambeka, wathi makakhutshwe kuwo amathambo, waza wawatshisela eqongeni ukulixabhela ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa ngumfo wakwaThixo owazixelayo kwangaphambili ezo zinto.