2 Kings 23:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Yiyekeni, makungashukunyiswa mntu amatambo ayo. Kwa njalo basindisa amatambo ayo, kunye namatambo omprofite owavela e‐Samariya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Myekeni; makangashukunyiswa mntu amathambo akhe.Bawasindisa ke amathambo akhe, namathambo omprofeti owavela kwaSamari.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke, Mayime; Makungabikho namnye owashukumisa amathambo akhe. Bawayeka emi kanye amathambo akhe, kunye namathambo omprofeti owayevela kwaSamari.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi: “Liyekeni ke; makungaze kubekho mntu uwachukumisayo amathambo akhe.” Ngoko ke bawayeka amathambo akhe kunye nalawo omshumayeli owayevela eSamariya.