2 Kings 23:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako nazo zonke izindlu zendawo ezipakamileyo ezibe zisezixekweni zase‐Samariya, ezo okumkani bo‐Sirayeli bebezenzile ukumqumbisa u‐Yehova, wazisusa u‐Josiya, wenza kuzo njengazo zonke izenzo abezenzile e‐Betele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo zonke izindlu zeziganga, ezibe zisemizini yakwaSamari, abazenzayo ookumkani bamaSirayeli ukuba bamqumbise uYehova, wazisusa uYosiya; wenza kuzo ngokwezenzo zonke awazenzayo eBheteli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye zonke izindlu zeendawo eziphakamileyo zezixeko zaseSamariya, ezo ookumkani bakwaSirayeli ababezakhele ukuze bamqumbise uYehova, uYosiya wazishenxisa waza wenza kuzo ngokwezenzo zakhe zonke awayezenzile eBheteli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwanjengoko wenzayo eBhetele uJosiya wazisusa wazixabela zonke izibingelelo ezindaweni eziphakamileyo zonqulo, ezo zazakhiwe ngookumkani bakwaSirayeli kwiidolophu zaseSamariya, nto leyo eyawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo.