2 Kings 23:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayenyuka ukumkani waya endlwini kayehova, nawo onke amadoda akwa‐Juda, nabo bonke abemi base‐Yerusaleme, kunye naye, nabaperisite, nabaprofite, nabo bonke abantu, kwa nabancinane nabakulu; waza walesesha ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yocebano, ebifunyenwe endlwini kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi bonke baseYerusalem kunye naye, nababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu. Wawalesa ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso eyafunyanwa endlwini kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi bonke baseYerusalem, nababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, kwathabathela komncinane kwesa komkhulu, wafunda kubo amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wahamba waya endlwini *kaNdikhoyo kunye namadoda akwaJuda, nabantu baseJerusalem, ababingeleli nabashumayeli. Ewe, waqokelela umntu wonke, eqalela komncinci aye komdala. Wabafundela onke amazwi encwadi yomnqophiso, leyo yayifunyenwe endlwini kaNdikhoyo.