2 Kings 23:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nanjengaye bekungeko ukumkani pambili kuye, owaguqukela kuyehova ngayo yonke intliziyo yake, nangawo wonke umpefumlo wake, nangawo onke amandla ake, njengawo wonke umteto ka‐Mosesi; nasemva kwake bekungavuki onjengaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; nangasemva kwakhe akuvelanga unjengaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; kwaye emva kwakhe akubangakho namnye unjengaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.