2 Kings 23:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emihleni yake kwenyuka u‐Faro Neko ukumkani we‐Jipete, ukuya ngakuye ukumkani we‐Asiriya, ngasemlanjeni wom‐Ferate: waye ukumkani u‐Josiya wahamba ukuya kumkaulela; waza wambulala e‐Megido, nxa abembonile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngemihla yakhe wenyuka uFaro-neko, ukumkani waseYiputa, waya kulwa nokumkani waseAsiriya, emlanjeni ongumEfrati.Wahamba ukumkani uYosiya, waya kumhlangabeza; wambulala eMegido, akumbona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemihla yakhe uFaro-nego, ukumkani waseYiputa, wamxabela ukumkani waseAsiriya ngasemlanjeni ongumEfrati, ukumkani uYosiya wamxabela; yaye wambulalela eMegido akumbona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngaloo mihla kakumkani uJosiya ukumkani waseJiputa uNeko wanyuka waya kuncedisa ukumkani waseAsiriya ngakumlambo iEfrati. Ukumkani uJosiya waphuma nomkhosi wakhe wamhlangabeza. Kodwa ke uNeko lowo wagagana naye eMegido, wamosela wafa.