2 Kings 23:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wema ukumkani pezu kwendawo epezulu, wenza ucebano pambi kwoyehova, lwokuba kulandelwe uyehova, nokuba kugcinwe imiyalelo yake, nezinqi̔nelo zake, nezimiselo zake, ngayo yonke intliziyo, nangawo wonke umpefumlo, kufezwe amazwi olucebano aba̔liweyo kulencwadi. Bati bonke abantu bema kulo ucebano olo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wema ukumkani phezu kwendawo ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova, wokulandela uYehova, nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yonke, nangomphefumlo wonke, nokuwamisa onke amazwi alo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi; bema ke bonke abantu emnqophisweni lowo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wema ecaleni kwelitye lesikhumbuzo waza wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imiyalelo yakhe namacebo akhe nemithetho yakhe emisiweyo ngentliziyo yonke nangomoya wonke ukuze azalisekise amazwi alo mnqophiso; zibhaliwe kule ncwadi. Kwaye lonke uhlanga lwema emnqophisweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wema ngasentsikeni, wawuhlaziya umnqophiso kunye noNdikhoyo, ethembisa ukulandela uNdikhoyo, ayithobele imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yakhe, oko ekwenza ngomxhelo wakhe wonke, ngokwamazwi aloo mnqophiso wawubhalwe apho encwadini. Nabantu ke bathembisa bazibophelela apho emnqophisweni.