2 Kings 23:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zasuka izicaka zake zamkwelisa efile enqwelweni e‐Megido, zamzisa e‐Yerusaleme, zamncw̔aba kwelake incw̔aba. Bandula abantu belizwe batabata u‐Yehowahazi unyana ka‐Josiya, bamtambisa, bamenza ukumkani esikundleni soyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamthwala ngenqwelo abakhonzi bakhe, efele eMegido, bamsa eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe. Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi unyana kaYosiya, bamthambisa, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abakhonzi bakhe bamthabatha ngenqwelo efileyo, besuka eMegido, bamsa eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe. Abantu belizwe bathabatha uYowakas, unyana kaYosiya, bamthambisa, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amaphakathi akhe awuthatha umzimba kaJosiya apho eMegido, awuthwala ngenqwelo, aya nawo eJerusalem, afika amfaka engcwabeni lakhe. Abemi belizwe ke bathatha uYowahazi unyana kaJosiya, bamthambisa bammisela wangukumkani esikhundleni sikayise.