2 Kings 23:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
EBEYIMINYAKA imashumi mabini anesitatu u‐Yehowahazi ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani inyanga zantatu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hamutali, intombi ka‐Jeremiya, owase‐Libena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zaba ntathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYowakazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya, waseLibhena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuqala kwakhe ukulawula uYowahazi wayeneminyaka emashumi mabini anantathu, walawula apho eJerusalem iinyanga zantathu. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya okhaya laliseLibhena.