2 Kings 23:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Faro Neko wamnxibayo e‐Ribela elizweni le‐Hamati, ukuze angabi ngukumkani e‐Yerusaleme; wati kanjalo wabeka pezu kwelizwe intlaulo yekulu letalente zesilivere, netalente inye yegolide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro-neko wamkhonkxa eRibhela, ezweni laseHamati, ukuze angabi ngukumkani eYerusalem. Ilizwe walihlahlisa ikhulu leetalente zesilivere, netalente yegolide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uFaro-nego wamfaka eRibhela, ezweni laseHamati, ukuba angabi nakulawula eYerusalem; walirhumela ilizwe ikhulu leetalente zesilivere, netalente yegolide yanye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waseJiputa uNeko wamkhonkxa ngamatyathanga eRibhela, umhlaba waseHamati, waza ke akabi nako ukulawula apho eJerusalem. Kananjalo uJuda wammisela irhafu yeekhilogram zesiliva ezimawaka mathathu makhulu mane, kunye neekhilogram zegolide ezimashumi mathathu anane.