2 Kings 23:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Faro Neko wamenza u‐Eliyakime unyana ka‐Josiya ukumkani esikundleni sika‐Josiya uyise, waguqula igama lake libe ngu‐Yoyakime; no‐Yehowahazi wamtabata, owezayo e‐Jipete wafela kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro-neko wamenza ukumkani uEliyakim, unyana kaYosiya, esikhundleni sikaYosiya uyise, waliguqula igama lakhe languYehoyakim. Ke wamthabatha uYehowahazi, weza naye eYiputa;wafela khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uFaro-nego wamenza ukumkani uEliyakim, unyana kaYosiya, esikhundleni sikaYosiya uyise, waliguqula igama lakhe languYoyakim, wamthabatha uYowaka; waya eYiputa, wafela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani waseJiputa uNeko lowo wathatha unyana kaJosiya uEliyakim wammisela wangukumkani esikhundleni sikayise, igama lakhe elo walijika wathi nguJoyakim. Ke yena uYowahazi wamfudusela eJiputa, apho wafela khona.