2 Kings 23:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku isilivere leyo negolide leyo wayinika u‐Yoyakime ku‐Faro; kodwa walinganisa ilizwe, ukuba anike imali leyo ngomteto ka‐Faro; wayibanga isilivere negolide kubo abantu belizwe, abanye ngabanye njengokulinganiswa kwabo, ukuba ayinike ku‐Faro Neko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoyakim wayinika uFaro isilivere leyo negolide leyo;kodwa ke walihlahlisa ilizwe ukuba anike imali ngokomlomo kaFaro, elowo ngokuhlahliswa kwakhe. Wabaqhuba abantu belizwe, ukuba bayirhole isilivere negolide, ukuba ayinike uFaro-neko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoyakim wamnika uFaro isilivere negolide; wayelirhafisa nje ilizwe, ukuze ahlawule imali ngokomyalelo kaFaro; Wabiza isilivere negolide kubantu belizwe, elowo nerhafu yakhe, ukuze ayinike uFaro-nego.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyakim wayeyikhupha loo siliva naloo golide yayimiselwe ngukumkani waseJiputa. Loo mrhumo ke wawukhupha ngokurhafisa abantu belizwe lakhe, bekhupha isiliva negolide ngokwezinto abanazo.